Ndlangisa

Thole, Gqagqane, Mcaca, Buzini, Welane, Ndlangisa, Nkonjane, Mfingo, Thombeni, Mzimshe, Lwandl aluwelwa, luwelwa ziNkonjane zona ma phiko made, uMpundeshe, uKhweleta, uDuma


Shweme

Gqagqane, Limakhwe, Zilamkhonto, Mfene, Hlathi, Jambase, Ngangamsholo Ngcebetsha, Malilelwa zintombi


Tolo

AmaTolo akwaNongwandla,Tolo, Nongwandla, Mchenge, MaBhanekazi, Ngwenyankomo, Dlangamandla, Zulu, Masali, Mfingo, Amajubantlantsi, Vumba lempongo liyanuka


Nkwali

Bhukula, Mkhwanazi, Nkwali ye Nkosi


Nxasana

NguSikonza, uNxasana, uTotoba, uDunjane, uMalilelwaziintombi zithi ndizeke, adinamama andinatata, uBhili, uMagazo, uLunguza, gastyeketye umbona obomvu othandwa ngabantwana


Bhukwana

ooMbara, Mtshobo, Phaphulengonyama, Into ezingaphathwa mntu ngoba zizinkosi ngokwazo


Qhinebe

Gqugqugqu, Zithonga-zithathu, Haha, Njemnyama, Nondela, Phazima, Mpondomise, Mlunjwa, Phalela, Mkhomanzi, Duka namahlathi, Umth' omde owavelela eHoyita!


Nxuba

Mduma, Rhudulu, Mngcengane


Qadi

Dosini, Mqadi, Ngqwili, Nondlobe,Ngcwina, Ngwenya




© 2020 Africtionary®