Clan of the Day [22 Jun 2026]

Dontsa

NoDlidlu, oNoDlabathi, oSwahla, Mntungwa, uNdukuMkhonto, uShembe, bath' uDontsa akananyongo kant' abayibon' uba igqunywe ngesbhadlalala so mhlehlo


Mpovane

Siwela, Vitsheka, Matalankosi, Songiwe, Nomlakalakane, Gubudza Nyamana


Nqolo

amaNqolo, Gaba kathsayithsi omahlambahlaletsheni ngenxa yokuswel�itawuli, abantu abangayekhathsi imbola ngoba bahleli bebahle, bakhi bexonya bangaleluki


Zulu

Ntombela, Mahlahlula emaduneni, Tshaka


Chizama

Cethe, Mlanjana, Bhurhuma, Ncenceza, Mbambo zinomongo, yint’ety’inyama ekrwada, uHani, malahl’aluthuthu ayatshisa wawanyathela ungafa


Gatyeni

Mamali
Ndondela
Nkomo Zibomvu


Zungu

Ncwane
Manzini


Qadi

Dosini, Mqadi, Ngqwili, Nondlobe,Ngcwina, Ngwenya


Qhinebe

Gqugqugqu, Zithonga-zithathu, Haha, Njemnyama, Nondela, Phazima, Mpondomise, Mlunjwa, Phalela, Mkhomanzi, Duka namahlathi, Umth' omde owavelela eHoyita!


Qwathi

Dikela, Noni, Noqaz' indlela. Iinkomo zikaXesibe, zikaJojo, zikaMtshutshumbe, ogqaz'indlel'ebhek'ebuNguni. KumaQwathi kukho amaDikela, amaTshaba, ooSdindi, ooBhlangwe, ooBhose, amaNzolo, imiNcayi, amaNtondo, amaKhombayo, ooMkhondweni, amaVumbe, ooKhebesi, amaBangula, amaDumba, ooMhotho, ooCakeni, ooBhabha, amaMvala, amaDabisa, ooSximba


Thangana

Bodlinja, Mbamba, Krila, Rhaso, Mbombo




© 2020 Africtionary®